Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 49:27-33 Ibhayibhile (XHO96)

27. “UBhenjamin lithole lengcuka elinoburhalarhume.Kusasa uqwenga ixhoba;ngokuhlwa waba okuphangiweyo.”

28. Zizo ke ezi izizwe ezilishumi elinambini zakwaSirayeli. Lo ke ngumyolelo kayise koonyana bakhe ngabanye.

29. UYakobi uqokele wathi ukuyolela: “Njengoko sendiza kuya kookhokho, nize nindingcwabe koobawo, kulaa mqolomba ukulaa ntsimi kaEfron umHeti,

30. eMakapela ngasempumalanga yeMamre eKanana. Loo mqolomba wathengwa nguAbraham kuEfron ukuze kungcwatyelwe kuwo.

31. Kulapho angcwatyelwe khona uAbraham kunye noSara umkakhe. Kulapho angcwatyelwe khona uIsake kunye noRabheka umkakhe. NoLeya ukwangcwatyelwe apho.

32. Loo ntsimi yathengwa kunye naloo mqolomba ukuyo kumaHeti. Nam ke nize nindingcwabele apho.”

33. Akuwugqiba umyolelo wakhe uYakobi koonyana bakhe, wabuya wangqengqa, waphuma umphefumlo.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 49