17. UDan yinyoka esecaleni lendlela;yinyoka enobuhlungu elalel' ukuluma ihashe esithendeni,khon' ukuze umkhweli limphose phantsi.
18. “*Ndikhoyo, ndilindele ukukhululwa nguwe!
19. “UGadi yena uya kuhlaselwa liqela lezihange,kodwa wojika aziswantsulise.
20. “Umhlaba ka-Ashere uya kuchuma,uvelise ukutya okulungele nkqu neekumkani.
21. “UNafetali yena lixhama lasendle;intw' ezala amaduna namathokazi.
22. “UJosefu ngumdiliya omi ngasemthonjeni;intw' emaseb' afukufuku, aqabel' ezindongeni.
23. Yintw' ehlaselwa ziintshaba zayo,ziyisukele ngeentolo nezaphetha.
24. Kodwa olwakhe utolo alugungqi,neengalo zakhe zomelezwa ngamandla oThixo kaYakobi,yena malusi nomkhuseli kaSirayeli.
25. NguThixo kayihlo okuncedayo;nguThixo uSomandla okuthamsanqelisayo ngeemvula zaphezulu,nangamanzi aphuma enzulwini ngaphantsi komhlaba.Nguye okuthamsanqelisa ngabantwana nangemfuyo.
26. Amathamsanqa owanikwe nguyihloaya kuqina kuneentaba ezisisimakade,achume kunendyebo yeenduli zaphakade.Konke oku makuwe phezu kwentloko kaYosefu,yena ukhethiweyo kubantakwabo.