Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 49:14-27 Ibhayibhile (XHO96)

14. “UIsakare akayidluli nganto imbongolo;yint' ofik' ilele isoyiswa yimithwalo.

15. Kambe ke weva ukuba kumnandi ukubuthuma,nelizwe liyaphumza.Yintw' egob' umqolo, ithwalisw' imithwalo,intw' enyanzelwa okwesicaka emsebenzini.

16. “UDan ngomnye wezindlu zikaSirayeli;nguye umgwebi wabantu bakhe.

17. UDan yinyoka esecaleni lendlela;yinyoka enobuhlungu elalel' ukuluma ihashe esithendeni,khon' ukuze umkhweli limphose phantsi.

18. “*Ndikhoyo, ndilindele ukukhululwa nguwe!

19. “UGadi yena uya kuhlaselwa liqela lezihange,kodwa wojika aziswantsulise.

20. “Umhlaba ka-Ashere uya kuchuma,uvelise ukutya okulungele nkqu neekumkani.

21. “UNafetali yena lixhama lasendle;intw' ezala amaduna namathokazi.

22. “UJosefu ngumdiliya omi ngasemthonjeni;intw' emaseb' afukufuku, aqabel' ezindongeni.

23. Yintw' ehlaselwa ziintshaba zayo,ziyisukele ngeentolo nezaphetha.

24. Kodwa olwakhe utolo alugungqi,neengalo zakhe zomelezwa ngamandla oThixo kaYakobi,yena malusi nomkhuseli kaSirayeli.

25. NguThixo kayihlo okuncedayo;nguThixo uSomandla okuthamsanqelisayo ngeemvula zaphezulu,nangamanzi aphuma enzulwini ngaphantsi komhlaba.Nguye okuthamsanqelisa ngabantwana nangemfuyo.

26. Amathamsanqa owanikwe nguyihloaya kuqina kuneentaba ezisisimakade,achume kunendyebo yeenduli zaphakade.Konke oku makuwe phezu kwentloko kaYosefu,yena ukhethiweyo kubantakwabo.

27. “UBhenjamin lithole lengcuka elinoburhalarhume.Kusasa uqwenga ixhoba;ngokuhlwa waba okuphangiweyo.”

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 49