13. “UZebhulon uye kuma phezu kolwandle;yintw' emanxweme azizikhululo zeenqanawa;yintw' emhlaba uye kuthi xhaxhe ngeSidon.
14. “UIsakare akayidluli nganto imbongolo;yint' ofik' ilele isoyiswa yimithwalo.
15. Kambe ke weva ukuba kumnandi ukubuthuma,nelizwe liyaphumza.Yintw' egob' umqolo, ithwalisw' imithwalo,intw' enyanzelwa okwesicaka emsebenzini.
16. “UDan ngomnye wezindlu zikaSirayeli;nguye umgwebi wabantu bakhe.
17. UDan yinyoka esecaleni lendlela;yinyoka enobuhlungu elalel' ukuluma ihashe esithendeni,khon' ukuze umkhweli limphose phantsi.
18. “*Ndikhoyo, ndilindele ukukhululwa nguwe!
19. “UGadi yena uya kuhlaselwa liqela lezihange,kodwa wojika aziswantsulise.
20. “Umhlaba ka-Ashere uya kuchuma,uvelise ukutya okulungele nkqu neekumkani.
21. “UNafetali yena lixhama lasendle;intw' ezala amaduna namathokazi.
22. “UJosefu ngumdiliya omi ngasemthonjeni;intw' emaseb' afukufuku, aqabel' ezindongeni.