Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 48:5-13 Ibhayibhile (XHO96)

5. Uqokele wathi uYakobi: “Naba nyana bakho ke babini, Josefu, aba bazalelwe apha eJiputa ndingekafiki, ngabam. UEfrayim noManase ngoonyana bam ncam njengoRubhen noSimon.

6. Xa uthe wazala nyana bambi, abo ke abayi kuba ngabam. Elabo ilifa bolizuza ngoManase noEfrayim.

7. Le nto ndiyenza ngenxa kanyoko uRakeli. Ndaba buhlungu kakhulu ukubhubha kwakhe eKanana, kufuphi ne-Efrata, xa ndandivela ePadan. Ndamngcwaba apho ngakuloo ndlela iya e-Efrata.” (IEfrata yaziwa ngokuba yiBhetelehem.)

8. Uthe uSirayeli akubona oonyana bakaJosefu: “Ngoobani la makhwenkwe?”

9. Uthe kuyise uJosefu: “Aba ngoonyana bam, andiphe bona uThixo apha eJiputa.”Uthe yena: “Basondeze kum, ndibathamsanqelise.”

10. USirayeli wayeselebona luzizi, kuba wayeselaluphele, engasaboni kakuhle ke ngoko. Wabasondeza ke uJosefu oonyana bakhe, uSirayeli wabanga.

11. Uthe uYakobi kuJosefu: “Bendingasatsho ukuba ndingabuya ndikubone, kodwa uThixo wenze ukuba ndibone nabantwana bakho.”

12. UJosefu ubasusile kuyise, waqubuda phambi koyise eqondele phantsi.

13. UJosefu wambeka uEfrayim ngasekhohlo kuyise, waza uManase yena wambeka ngasekunene.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 48