Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 48:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Emva kwexesha uJosefu waxelelwa ukuba uyise wayengaphilanga. Uthathe oonyana bakhe bobabini, uManase noEfrayim, waya nabo kuYakobi.

2. Akuva uSirayeli ukuba unyana wakhe uJosefu wayeze kumbona, wazomeleza wavuka wahlala emandlalweni.

3. UYakobi ubalisele uJosefu wathi: “UThixo uSomandla wavela kum ndiseLuzi kwilizwe laseKanana, wandithamsanqelisa.

4. Wathi: ‘Ndiya kukupha inzala eninzi, ize loo nzala ibe zizizwe ngezizwe. Ndokunika lo mhlaba, ube lilifa lenzala yakho naphakade.’ ”

5. Uqokele wathi uYakobi: “Naba nyana bakho ke babini, Josefu, aba bazalelwe apha eJiputa ndingekafiki, ngabam. UEfrayim noManase ngoonyana bam ncam njengoRubhen noSimon.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 48