Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 47:9-23 Ibhayibhile (XHO96)

9. Uthe uYakobi: “Ubomi bam ndihamba-hamba kulo mhlaba bube yiminyaka elikhulu limashumi mathathu. Loo minyaka imbàlwa ibiyiminyaka enzima, engafaniyo neminyaka emininzi ababengabahambi ngayo kulo mhlaba ookhokho.”

10. UYakobi ubuye wamthamsanqelisa ukumkani, waza ke wemka.

11. UJosefu ke wabakhethela indawo etyebileyo ooyise nabantakwabo phaya ngakulaa dolophu iRamesi njengokutsho kukakumkani.

12. Wabazisela ukutya uJosefu xa bebonke ngokwenani labantwana babo: uyise, abantakwabo, nayo yonke intsapho.

13. Yaligqugqisa indlala, kwaphela ukutya, bafa yindlala abantu baseJiputa naseKanana.

14-15. UJosefu wayeyiqokelela yonke imali ekwakuthengwa ngayo ingqolowa, ayise ebhotwe. Yaphela yonke imali eJiputa naseKanana. AmaJiputa ayesiya kuJosefu athi: “Siphe ukutya. Ungathini ukusiyeka sife yindlala, sibe singenayo nemali?”

16. UJosefu wayesithi: “Yizani nemfuyo yenu, nananise ngayo xa imali yenu iphelile.”

17. Babeyisa ke imfuyo yabo kuJosefu, aze yena abanike ingqolowa endaweni yamahashe, neegusha, neebokhwe, neenkomo, kunye needonki. Kuloo nyaka wabanceda ngokutya, bona besananisa ngayo yonke imfuyo yabo.

18. Kunyaka olandelayo baya kuye bathi: “Sitsho phandle, mhlekazi, ukuthi imali yethu iphelile, nemfuyo yethu iphelele kuwe, yaye asinanto ngaphandle kweziqu zethu namasimi ethu.

19. Singathini ukutshabalala ujongile, mhlekazi, thina namasimi ethu? Sananisa ngeziqu zethu namasimi ethu ukuze sifumane ukutya. Njalo ke thina namasimi ethu soba ngabakakumkani. Sinike ingqolowa ukuze sitye siphile, sibe nembewu yokuhlwayela.”

20. UJosefu wawathenga ke onke amasimi aseJiputa aba ngakakumkani. UmJiputa wonke wathengisa ngentsimi yakhe ngenxa yendlala, aba ke ngakakumkani onke loo masimi abo.

21. Bonke abemi baseJiputa wabenza izicaka uJosefu kulo lonke elo.

22. Ngumhlaba wababingeleli kuphela angazange awuthenge. Bona kwakungekho mfuneko yokuba bawuthengise owabo umhlaba, kuba babefumana inkxaso eyaneleyo ngokommiselo kakumkani.

23. UJosefu wathi ebantwini: “Ngoku ningabakakumkani, kuba ndinithengile kunye namasimi enu. Nantsi ke imbewu; yiyani kulima.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 47