Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 47:19-29 Ibhayibhile (XHO96)

19. Singathini ukutshabalala ujongile, mhlekazi, thina namasimi ethu? Sananisa ngeziqu zethu namasimi ethu ukuze sifumane ukutya. Njalo ke thina namasimi ethu soba ngabakakumkani. Sinike ingqolowa ukuze sitye siphile, sibe nembewu yokuhlwayela.”

20. UJosefu wawathenga ke onke amasimi aseJiputa aba ngakakumkani. UmJiputa wonke wathengisa ngentsimi yakhe ngenxa yendlala, aba ke ngakakumkani onke loo masimi abo.

21. Bonke abemi baseJiputa wabenza izicaka uJosefu kulo lonke elo.

22. Ngumhlaba wababingeleli kuphela angazange awuthenge. Bona kwakungekho mfuneko yokuba bawuthengise owabo umhlaba, kuba babefumana inkxaso eyaneleyo ngokommiselo kakumkani.

23. UJosefu wathi ebantwini: “Ngoku ningabakakumkani, kuba ndinithengile kunye namasimi enu. Nantsi ke imbewu; yiyani kulima.

24. Ngexesha lokuvuna ze ninikele isihlanu sesivuno senu kukumkani. Okuseleyo ze nikusebenzisele imbewu nokutya kokondla iintsapho zenu.”

25. Bathe ke bona: “Mhlekazi, usincedile, wasisindisa ekufeni; siya kumsebenzela ukumkani.”

26. Wawisa umthetho uJosefu wokuba isihlanu sesivuno eJiputa sibe sesikakumkani. Loo mthetho usekho unanamhla oku. Ngamasimi ababingeleli angazange abe ngakakumkani.

27. AmaSirayeli ayemi eGoshen eJiputa. Apho aba nendyebo, anda kakhulu.

28. Wahlala apho eJiputa uYakobi, wada wanekhulu linamashumi mane anesixhenxe eminyaka, selegqibe ishumi linesixhenxe leminyaka eJiputa.

29. Kuthe xa seleza kubhubha, uSirayeli wabiza uJosefu unyana wakhe, wathi kuye: “Ukuba uyandithanda beka isandla sakho phantsi kwethanga lam ufunge ukuba akusayi kundingcwabela eJiputa.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 47