Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 47:1-19 Ibhayibhile (XHO96)

1. UJosefu ke waya kumbikela ukumkani, wathi: “Ubawo ufikile; uze nabo bonke abantakwethu, evela eKanana. Uze nako konke okwakhe, yaye nanko elinde eGoshen.”

2. UJosefu uthathe abahlanu kubakhuluwa bakhe, wabasa kukumkani.

3. Ukumkani wababuza wathi: “Msebenzi mni na eniwenzayo?”Bathe bona: “Thina zicaka zakho singamathanda-mfuyo, mhlekazi, kanye njengookhokho bethu.”

4. Baza bathi: “Imbangi yokufudukela kwethu eJiputa yimbalela eyatsho angumqwebedu amadlelo eKanana. Ngako oko izicaka zakho ziyacela ukuba uzivumele zime apha eGoshen.”

5. Ukumkani ubhekise kuJosefu wathi: “Uyihlo nabantakwenu

6. beseJiputa nje, bakowabo; bangahlala apho eGoshen, eyona ndawo inomhlaba otyebileyo. Ukuba kukho amadoda angamachule phakati kwenu, uzuwenze abelusi bemihlambi yam.”

7. UJosefu ke weza noyise, wamazisa kukumkani, waza uYakobi wamthamsanqelisa ukumkani.

8. Ukumkani wabuza wathi: “Umdala kangakanani na?”

9. Uthe uYakobi: “Ubomi bam ndihamba-hamba kulo mhlaba bube yiminyaka elikhulu limashumi mathathu. Loo minyaka imbàlwa ibiyiminyaka enzima, engafaniyo neminyaka emininzi ababengabahambi ngayo kulo mhlaba ookhokho.”

10. UYakobi ubuye wamthamsanqelisa ukumkani, waza ke wemka.

11. UJosefu ke wabakhethela indawo etyebileyo ooyise nabantakwabo phaya ngakulaa dolophu iRamesi njengokutsho kukakumkani.

12. Wabazisela ukutya uJosefu xa bebonke ngokwenani labantwana babo: uyise, abantakwabo, nayo yonke intsapho.

13. Yaligqugqisa indlala, kwaphela ukutya, bafa yindlala abantu baseJiputa naseKanana.

14-15. UJosefu wayeyiqokelela yonke imali ekwakuthengwa ngayo ingqolowa, ayise ebhotwe. Yaphela yonke imali eJiputa naseKanana. AmaJiputa ayesiya kuJosefu athi: “Siphe ukutya. Ungathini ukusiyeka sife yindlala, sibe singenayo nemali?”

16. UJosefu wayesithi: “Yizani nemfuyo yenu, nananise ngayo xa imali yenu iphelile.”

17. Babeyisa ke imfuyo yabo kuJosefu, aze yena abanike ingqolowa endaweni yamahashe, neegusha, neebokhwe, neenkomo, kunye needonki. Kuloo nyaka wabanceda ngokutya, bona besananisa ngayo yonke imfuyo yabo.

18. Kunyaka olandelayo baya kuye bathi: “Sitsho phandle, mhlekazi, ukuthi imali yethu iphelile, nemfuyo yethu iphelele kuwe, yaye asinanto ngaphandle kweziqu zethu namasimi ethu.

19. Singathini ukutshabalala ujongile, mhlekazi, thina namasimi ethu? Sananisa ngeziqu zethu namasimi ethu ukuze sifumane ukutya. Njalo ke thina namasimi ethu soba ngabakakumkani. Sinike ingqolowa ukuze sitye siphile, sibe nembewu yokuhlwayela.”

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 47