Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 46:6-16 Ibhayibhile (XHO96)

6. Baqhuba iinkomo zabo nako konke okwabo abakufumana eKanana, bahamba nako, baya eJiputa. UYakobi wahamba nosapho lwakhe lonke:

7. oonyana bakhe, abantwana babo, iintombi zakhe, kunye nabazukulwana bakhe.

8. Ngawo la amagama amaSirayeli, inzala kaYakobi, eyangenayo eJiputa kunye naye.

9. YayinguRubhen, izibulo, kunye noonyana bakhe: uHanoki, noPalu, noHezeron, noKarmi.

10. USimon noonyana bakhe: uJemuweli noJamin, uOhadi noJakin noZoware, kwakunye noShawule, owayezelwe ngumKananakazi.

11. ULevi noonyana bakhe: uGershon noKohati kunye noMerari.

12. UJuda kunye noonyana bakhe: uShela, noPerezi, noZera. Abanye oonyana bakaJuda, uEre no-Onan, batsahabalala eKanana. UPerezi wanoonyana abanguHezeron kunye noHamuli.

13. UIsakare yena wangena noonyana bakhe: uTola, noPuwa, noYashubhi, kunye noShimron.

14. UZebhulon naye wangena noonyana bakhe: uZerede, noElon, kunye noYaleli.

15. Ngoonyana abazalwa nguLeya aba, kunye nodade wabo uDayina, besesePadan-aram. Bebonke abantwana abangumlibo kaLeya babengamashumi mathathu anantathu.

16. UGadi naye wangena noonyana bakhe: uZefon noHagi noShuni, uEzebhon noEri noArodi, kunye noAreli.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 46