Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 46:22-34 Ibhayibhile (XHO96)

22. Eli shumi linane ke ngumlibo kaRakeli.

23. Wayekho noDan kunye nonyana wakhe uHushim;

24. noNafetali kunye noonyana bakhe uJazeli noGuni, uYezere kunye noShilem.

25. Aba basixhenxe ngumlibo kaBhiliya, impelesi kaRakeli awayinikwa nguyise uLabhan.

26. Inani lenzala kaYakobi nqo elaya eJiputa ngamashumi mathandathu anantandathu, ngaphandle koomolokazana bakhe.

27. UJosefu wayezele oonyana ababini eJiputa. Loo nto yenza amashumi asixhenxe abantu bomzi kaYakobi abaya eJiputa.

28. UYakobi wathi uJuda makaye kuxelela uJosefu ukuba makabahlangabeze eGoshen. Bakuba befikile eGoshen,

29. uJosefu wakhwela enqwelweni, waya kukhawulela uyise uSirayeli. Uthe akubona uyise, uJosefu waziphosa kuye, wamanga, walila ithuba elide.

30. Uthe uSirayeli kuJosefu: “Nokuba ndingafa ngoku ndikubonile usaphila, kulungile.”

31. UJosefu ubhekise kubantakwabo nakumawabo wathi: “Ndiza kukha ndiye kuxelela ukumkani ukuba ubawo nabantakwethu ababefudula beseKanana, bafikile,

32. ndithi kuye: ‘Bangabathandi bemfuyo, yaye ke beze nayo yonke impahla yabo nako konke okwabo.’

33. Ke nina xa nibizwe ngukumkani, wanibuza ngomsebenzi eniwenzayo,

34. ze nithi: ‘Singamathanda-mfuyo kwasebuncinaneni bethu, kanye njengookhokho bethu.’ Ukuba nitshilo, ukumkani woniyeka nime eGoshen. Kaloku abantu abathanda imfuyo abazelwe nto apha eJiputa.”

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 46