Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 46:20-25 Ibhayibhile (XHO96)

20. UJosefu eJiputa wayenoonyana ababini, uManase noEfrayim. Babezelwe nguAsenati intombi kaPotifare umbingeleli waseOni.

21. Oonyana bakaBhenjamin yayinguBhela noBhekere, uAshbhele noGera noNaman, uEli noRoshe, uMupim noHupim kunye noArdi.

22. Eli shumi linane ke ngumlibo kaRakeli.

23. Wayekho noDan kunye nonyana wakhe uHushim;

24. noNafetali kunye noonyana bakhe uJazeli noGuni, uYezere kunye noShilem.

25. Aba basixhenxe ngumlibo kaBhiliya, impelesi kaRakeli awayinikwa nguyise uLabhan.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 46