Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 46:17-32 Ibhayibhile (XHO96)

17. UAshere wangena noonyana bakhe: uImna noIshwa, kunye noIshvi noBheriya, kwakunye nodade wabo uSera. Oonyana bakaBheriya yayinguHebhere kunye noMalekiyeli.

18. Aba bantwana abalishumi linantandathu ngabomlibo kaZilipha, impelesi kaLeya awayeyinikwe nguLabhan.

19. URakeli umka-Yakobi wayezele oonyana ababini, uJosefu noBhenjamin.

20. UJosefu eJiputa wayenoonyana ababini, uManase noEfrayim. Babezelwe nguAsenati intombi kaPotifare umbingeleli waseOni.

21. Oonyana bakaBhenjamin yayinguBhela noBhekere, uAshbhele noGera noNaman, uEli noRoshe, uMupim noHupim kunye noArdi.

22. Eli shumi linane ke ngumlibo kaRakeli.

23. Wayekho noDan kunye nonyana wakhe uHushim;

24. noNafetali kunye noonyana bakhe uJazeli noGuni, uYezere kunye noShilem.

25. Aba basixhenxe ngumlibo kaBhiliya, impelesi kaRakeli awayinikwa nguyise uLabhan.

26. Inani lenzala kaYakobi nqo elaya eJiputa ngamashumi mathandathu anantandathu, ngaphandle koomolokazana bakhe.

27. UJosefu wayezele oonyana ababini eJiputa. Loo nto yenza amashumi asixhenxe abantu bomzi kaYakobi abaya eJiputa.

28. UYakobi wathi uJuda makaye kuxelela uJosefu ukuba makabahlangabeze eGoshen. Bakuba befikile eGoshen,

29. uJosefu wakhwela enqwelweni, waya kukhawulela uyise uSirayeli. Uthe akubona uyise, uJosefu waziphosa kuye, wamanga, walila ithuba elide.

30. Uthe uSirayeli kuJosefu: “Nokuba ndingafa ngoku ndikubonile usaphila, kulungile.”

31. UJosefu ubhekise kubantakwabo nakumawabo wathi: “Ndiza kukha ndiye kuxelela ukumkani ukuba ubawo nabantakwethu ababefudula beseKanana, bafikile,

32. ndithi kuye: ‘Bangabathandi bemfuyo, yaye ke beze nayo yonke impahla yabo nako konke okwabo.’

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 46