Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 46:12-20 Ibhayibhile (XHO96)

12. UJuda kunye noonyana bakhe: uShela, noPerezi, noZera. Abanye oonyana bakaJuda, uEre no-Onan, batsahabalala eKanana. UPerezi wanoonyana abanguHezeron kunye noHamuli.

13. UIsakare yena wangena noonyana bakhe: uTola, noPuwa, noYashubhi, kunye noShimron.

14. UZebhulon naye wangena noonyana bakhe: uZerede, noElon, kunye noYaleli.

15. Ngoonyana abazalwa nguLeya aba, kunye nodade wabo uDayina, besesePadan-aram. Bebonke abantwana abangumlibo kaLeya babengamashumi mathathu anantathu.

16. UGadi naye wangena noonyana bakhe: uZefon noHagi noShuni, uEzebhon noEri noArodi, kunye noAreli.

17. UAshere wangena noonyana bakhe: uImna noIshwa, kunye noIshvi noBheriya, kwakunye nodade wabo uSera. Oonyana bakaBheriya yayinguHebhere kunye noMalekiyeli.

18. Aba bantwana abalishumi linantandathu ngabomlibo kaZilipha, impelesi kaLeya awayeyinikwe nguLabhan.

19. URakeli umka-Yakobi wayezele oonyana ababini, uJosefu noBhenjamin.

20. UJosefu eJiputa wayenoonyana ababini, uManase noEfrayim. Babezelwe nguAsenati intombi kaPotifare umbingeleli waseOni.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 46