26. Bafika bathi: “UJosefu uyaphila! Nguye umphathiswa waseJiputa!” Wathi nqa yiloo nto uYakobi, engakholwa.
27. Bakumxelela konke okwathethwa nguJosefu, wazibona neenqwelo awayezithumele, watsho wahlaziyeka emphefumlweni.
28. USirayeli wathi: “Usaphila uJosefu umntwanam! Nantso nje qha into endiyifunayo: mandiye kumbona ndingekafi.”