Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 45:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. UJosefu akabanga saba nako ukuzibamba. Wathi izicaka zakhe maziphume. Kwasala yena nabantakwabo. Wabaxelela ukuba ungubani na.

2. Watsho ngesikhalo esaviwa ngamaJiputa, lwaza olo mingi-mingi lwaya kutsho nakomkhulu.

3. Wenjenje uJosefu ukuthetha nabantakwabo: “NdinguJosefu. Nithi ubawo usaphila?” Bakukuva oko abantakwabo bothuka, ababi nako nokuthetha.

4. Uthe uYosefu: “Sondelani.” Basondela, wathi: “Ndingumntakwenu uJosefu enamthengisa eJiputa.

5. Sanukukhathazeka okanye nizohlwaye ngenxa yokuba nandithengisa apha. NguThixo owathi mandinandulele, ukuze kusinde abantu.

6. Lo isengowesibini unyaka wendlala; kuseza eminye emihlanu, kungàlinywa, kungàvunwa.

7. NguThixo owathi mandize ngaphambi kwenu apha, ukuze nisinde ngale ndlela imangalisayo, kusinde nenzala yenu ngangokuba ingako.

8. Ayinini ke ngoko abandizisa apha, nguThixo. Nguye ondenze umphathiswa kakumkani ophethe lonke eli lizwe nolawula iJiputa iphela.

9. “Ngoku ke khawulezani niye kubawo, nithi ndithi, mna Josefu unyana wakhe, uThixo undenze umlawuli weJiputa iphela. Makakhawuleze eze kum.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 45