Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 44:8-24 Ibhayibhile (XHO96)

8. Uyazi nawe ukuba nemali esayifumana ezingxoweni zethu ekhaya siyibuyisele kwakuwe. Singathini ke ngoku ukûba isiliva okanye igolide yenkosi yakho?

9. Ukuba kukho onayo apha kuthi makabulawe, baze abanye babanjwe babe ngamakhoboka.”

10. Sithe isicaka: “Ewe, kulungile, kodwa ngulo ifunyenwe kuye qha oya kubanjwa abe likhoboka; bonke abanye bangakhululeka.”

11. Bazithule kwangoko iingxowa zabo, bazibeka phantsi, elowo wavula eyakhe.

12. Sakhangelisisa isicaka sikaJosefu, siqala komkhlu sada saya kutsho koyena mncinane. Loo ndebe yafunyanwa engxoweni kaBhenjamin.

13. Baba lusizi kakhulu abantakwabo, batsho bakrazula nezambatho zabo, bayilayisha kwakhona imithwalo yabo, babuyela edolophini.

14. Ukufika kwabo ooJuda nabantakwabo, bafika esesekhaya uJosefu. Bafika bakhahlela,

15. wathi kubo uJosefu: “Niyenzeleni le nto? Beningazi kakade ukuba umntu okwesi sikhundla ndikuso uyakwazi ukuvumisa?”

16. UJuda uthe: “Singathini kuwe, mhlekazi, ukukubonisa ukuba asazani nale nto? Singathini ukuzihlamba? NguThixo olaziyo ityala lethu. Thina sonke ngoku singamabanjwa, asinguye kuphela lo ifunyenwe kuye indebe yakho.”

17. Uthe uJosefu: “Unongekhe; andiyivumi loo nto! Kuza kubanjwa lo ifunyenwe kuye indebe yam qha. Bonke abanye bangagoduka ngoxolo, babuyele kuyise.”

18. UJuda wasondela kuJosefu, wafika wathi: “Ngxe, mhlekazi! Ndivumele ndithethe, nakuba ungangokumkani ngokwakhe.

19. Wasibuza, mhlekazi, ukuba ngaba ubawo usaphila na, nokuba ngaba sinaye na umntakwethu ongomnye.

20. Sathi ubawo usadla amazimba, phofu selaluphele. Satsho nokuthi sinaye nomninawa ovele selemdala ubawo. Umkhuluwa wale ntwana akasekho; yiyo yodwa ke ngoko esaphilayo kubantwana bakanina. Uyise uyithanda kakhulu.

21. Wathi ke, mhlekazi, ze size nayo le ntwana khon' ukuze uyibone.

22. Sathi thina ayinako ukwahlukana noyise; angafa.

23. Wathi ke wena thina zicaka zakho ze singezi apha singahambi nale ntwana.

24. “Sathi sakufika kubawo samxelela konke owakuthethayo.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 44