Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 44:4-16 Ibhayibhile (XHO96)

4. Kwathi besekude kufuphi nedolophu, wathi uJosefu kwisicaka sakhe: “Khawuleza usukele laa madoda, uthi: ‘Kutheni nibuyisa ubuhle ngobubi?

5. Niyibele ntoni indebe yesiliva yenkosi yam? Yile kanye isela ngayo, ikwayile ivumisa ngayo. Ilihlazo le nto niyenzileyo.’ ”

6. Siwathethile ke la mazwi isicaka sakufika kubo.

7. Bathe bona: “Ungathini, mhlekazi, ukuthetha ngolu hlobo? Asikhange siyenze into enjalo konke-konke.

8. Uyazi nawe ukuba nemali esayifumana ezingxoweni zethu ekhaya siyibuyisele kwakuwe. Singathini ke ngoku ukûba isiliva okanye igolide yenkosi yakho?

9. Ukuba kukho onayo apha kuthi makabulawe, baze abanye babanjwe babe ngamakhoboka.”

10. Sithe isicaka: “Ewe, kulungile, kodwa ngulo ifunyenwe kuye qha oya kubanjwa abe likhoboka; bonke abanye bangakhululeka.”

11. Bazithule kwangoko iingxowa zabo, bazibeka phantsi, elowo wavula eyakhe.

12. Sakhangelisisa isicaka sikaJosefu, siqala komkhlu sada saya kutsho koyena mncinane. Loo ndebe yafunyanwa engxoweni kaBhenjamin.

13. Baba lusizi kakhulu abantakwabo, batsho bakrazula nezambatho zabo, bayilayisha kwakhona imithwalo yabo, babuyela edolophini.

14. Ukufika kwabo ooJuda nabantakwabo, bafika esesekhaya uJosefu. Bafika bakhahlela,

15. wathi kubo uJosefu: “Niyenzeleni le nto? Beningazi kakade ukuba umntu okwesi sikhundla ndikuso uyakwazi ukuvumisa?”

16. UJuda uthe: “Singathini kuwe, mhlekazi, ukukubonisa ukuba asazani nale nto? Singathini ukuzihlamba? NguThixo olaziyo ityala lethu. Thina sonke ngoku singamabanjwa, asinguye kuphela lo ifunyenwe kuye indebe yakho.”

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 44