Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 44:28-34 Ibhayibhile (XHO96)

28. Omnye unyana akasekho; kunokuba waqwengwa zizilwanyana, kuba akazange abonwe oko wemkayo.

29. Xa ke nifuna ukuhamba naye nalo, aze angabuyi, ingandixhela loo nto ngoku sendimdala.’

30-31. “Ke ngoko, mhlekazi,” utshilo uJuda, “ukuba ndingabuyela ekhaya ingekho le ntwana, ubawo angafa zisuka nje xa aphawula ukuba ayikho. Akasenako ukwahlukana nale nkwenkwe. Selaluphele kangangokuba angafa.

32. Ngaphezu koko ndafunga kubawo ndathi kungafa mna kunokuba kwenzeke into kule ntwana. Ndathi, ukuba andibuyanga nayo, ityala aze alibeke kum.

33. Ke, mhlekazi, ndim oza kuhlala apha abe libanjwa endaweni yale ntwana. Yiyeke yona ibuyele ekhaya kunye nabakhuluwa bayo.

34. Ndingathini ukubuyela ekhaya ngaphandle kwale ntwana? Andinako ukukubukela ukudandatheka kukabawo.”

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 44