Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 44:17-26 Ibhayibhile (XHO96)

17. Uthe uJosefu: “Unongekhe; andiyivumi loo nto! Kuza kubanjwa lo ifunyenwe kuye indebe yam qha. Bonke abanye bangagoduka ngoxolo, babuyele kuyise.”

18. UJuda wasondela kuJosefu, wafika wathi: “Ngxe, mhlekazi! Ndivumele ndithethe, nakuba ungangokumkani ngokwakhe.

19. Wasibuza, mhlekazi, ukuba ngaba ubawo usaphila na, nokuba ngaba sinaye na umntakwethu ongomnye.

20. Sathi ubawo usadla amazimba, phofu selaluphele. Satsho nokuthi sinaye nomninawa ovele selemdala ubawo. Umkhuluwa wale ntwana akasekho; yiyo yodwa ke ngoko esaphilayo kubantwana bakanina. Uyise uyithanda kakhulu.

21. Wathi ke, mhlekazi, ze size nayo le ntwana khon' ukuze uyibone.

22. Sathi thina ayinako ukwahlukana noyise; angafa.

23. Wathi ke wena thina zicaka zakho ze singezi apha singahambi nale ntwana.

24. “Sathi sakufika kubawo samxelela konke owakuthethayo.

25. Ubawo ubuye wasithuma ukuba siphinde size kufuna into etyiwayo.

26. Samxelela sathi asinakuza apha, singenakwamkelwa, singezanga nayo le ntwana. Besingeza apha kuphela xa ngaba siza nayo.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 44