Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 44:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. UJosefu wathi kwisicaka esiyintloko emzini wakhe: “Zalisa ezi ngxowa zala madoda zithi ntli, uze ufake nemali yomntu ngamnye engxoweni yakhe,

2. ufake nendebe yam yesiliva ngaphezulu engxoweni yomninawa wabo, kwakunye nemali yengqolowa.” Senjenjalo isicaka.

3. Kwangentseni wabakhulula abantakwabo, bangena endleleni egodukayo, beqhuba iidonki zabo.

4. Kwathi besekude kufuphi nedolophu, wathi uJosefu kwisicaka sakhe: “Khawuleza usukele laa madoda, uthi: ‘Kutheni nibuyisa ubuhle ngobubi?

5. Niyibele ntoni indebe yesiliva yenkosi yam? Yile kanye isela ngayo, ikwayile ivumisa ngayo. Ilihlazo le nto niyenzileyo.’ ”

6. Siwathethile ke la mazwi isicaka sakufika kubo.

7. Bathe bona: “Ungathini, mhlekazi, ukuthetha ngolu hlobo? Asikhange siyenze into enjalo konke-konke.

8. Uyazi nawe ukuba nemali esayifumana ezingxoweni zethu ekhaya siyibuyisele kwakuwe. Singathini ke ngoku ukûba isiliva okanye igolide yenkosi yakho?

9. Ukuba kukho onayo apha kuthi makabulawe, baze abanye babanjwe babe ngamakhoboka.”

10. Sithe isicaka: “Ewe, kulungile, kodwa ngulo ifunyenwe kuye qha oya kubanjwa abe likhoboka; bonke abanye bangakhululeka.”

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 44