Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 43:17-24 Ibhayibhile (XHO96)

17. Senjenjalo ke isicaka ngokomyalelo kaJosefu.

18. Ngeli xesha basiwa endlwini babesoyika, besithi: “Sibanjwa ngenxa yemali eyayifakwe ezingxoweni zethu. Uza kusihlasela, asibambe, sibe ngamakhoboka, athimbe needonki zethu.”

19. Bathe ke, xa besesemnyango, babhekisa kwisicaka esiphetheyo, bathi:

20. “Mhlekazi, bekhe seza kuthenga ukutya apha.

21. Sithe sakumisa ngokuhlwa endleleni egodukayo, safumana loo mali besithenge ngayo isesezingxoweni zethu ngaphezulu. Size nayo ke loo mali.

22. Siphethe nenye imali yokuthenga ukutya. Asazi ukuba yafakwa ngubani le mali ezingxoweni zethu.”

23. “Khululekani, ningoyiki,” sitshilo isicaka. “Kunokuba loo mali yinyhweba evela kuThixo wenu, uThixo kayihlo. Mna ndayifumana intlawulo yenu.” Saza sakhupha uSimon, samzisa kubo.

24. Sabangenisa endlwini kaJosefu isicaka. Sabanika amanzi, bahlamba iinyawo. Sapha needonki zabo into etyiwayo.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 43