Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 42:25-33 Ibhayibhile (XHO96)

25. Wathi uJosefu mazizaliswe ngengqolowa iingxowa zabantakwabo, kufakwe nemali yomntu ngamnye engxoweni yakhe, banikwe nomphako wendlela. Yenziwa yonke loo nto.

26. Abakhuluwa bakhe bazilayisha ezimbongolweni iingxowa zabo, banduluka.

27. Kwindawo ababekhulule kuyo ukuchitha ubusuku, omnye kubo wayivula ingxowa yakhe, eza kupha idonki yakhe ukutya, wafika imali ibekwe ngaphezulu.

28. Ubhekise kubantakwabo wathi: “Imali yam ibuyisiwe; nantsi engxoweni!”Bothuka kakhulu, bangcangcazela, bathi: “Yintoni le uThixo asenza yona!”

29. Bakufika kuyise eKanana, bambalisela konke okwabehlelayo, besithi:

30. “Laa mphathiswa waseJiputa wathetha rhabaxa nathi, esithi siziimpimpi ezaziye kuhlola ilizwe labo.

31. Samphedula sathi: ‘Asizizo konke iimpimpi, koko singamadoda anyanisekileyo.

32. Singoonyana bomntu omnye abalishumi elinambini bebonke. Nto nje omnye akasekho; yena untondo usele noyise eKanana.’ ”

33. Baqokela bathi kuyise: “Yathi loo ndoda iphetheyo ukuphendula: ‘Ukuze ndiqonde ukunyaniseka kwenu, makasale abe mnye, bagoduke abanye, baphathele amawenu alambayo ukutya.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 42