Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 42:23-31 Ibhayibhile (XHO96)

23. UJosefu wayeyiva into ababeyithetha, nto nje bona babengayazi loo nto, kuba yena wayethetha nabo ngetoliki.

24. Wee guququ uJosefu, wakha walila. Uthe akuba nako ukuthetha kwakhona, walatha uSimon, wathi makabotshwe bejongile.

25. Wathi uJosefu mazizaliswe ngengqolowa iingxowa zabantakwabo, kufakwe nemali yomntu ngamnye engxoweni yakhe, banikwe nomphako wendlela. Yenziwa yonke loo nto.

26. Abakhuluwa bakhe bazilayisha ezimbongolweni iingxowa zabo, banduluka.

27. Kwindawo ababekhulule kuyo ukuchitha ubusuku, omnye kubo wayivula ingxowa yakhe, eza kupha idonki yakhe ukutya, wafika imali ibekwe ngaphezulu.

28. Ubhekise kubantakwabo wathi: “Imali yam ibuyisiwe; nantsi engxoweni!”Bothuka kakhulu, bangcangcazela, bathi: “Yintoni le uThixo asenza yona!”

29. Bakufika kuyise eKanana, bambalisela konke okwabehlelayo, besithi:

30. “Laa mphathiswa waseJiputa wathetha rhabaxa nathi, esithi siziimpimpi ezaziye kuhlola ilizwe labo.

31. Samphedula sathi: ‘Asizizo konke iimpimpi, koko singamadoda anyanisekileyo.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 42