Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 42:22-25 Ibhayibhile (XHO96)

22. Uthe uRubhen: “Ndandingatshongo kuni ukuba ningayenzakalisi laa ntwana? Ke nina aneva. Nasi ke ngoku isiphumo: igazi lakhe liyathetha.”

23. UJosefu wayeyiva into ababeyithetha, nto nje bona babengayazi loo nto, kuba yena wayethetha nabo ngetoliki.

24. Wee guququ uJosefu, wakha walila. Uthe akuba nako ukuthetha kwakhona, walatha uSimon, wathi makabotshwe bejongile.

25. Wathi uJosefu mazizaliswe ngengqolowa iingxowa zabantakwabo, kufakwe nemali yomntu ngamnye engxoweni yakhe, banikwe nomphako wendlela. Yenziwa yonke loo nto.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 42