Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 42:2-13 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ndivile mna ukuba iyafumaneka eJiputa ingqolowa. Yiyani kuyithenga khona, singafi yindlala.”

3. Banduluka ke abakhuluwa bakaJosefu abalishumi ukuya kuthenga ingqolowa eJiputa.

4. Kodwa uYakobi akazange amthume kunye nabo uBhenjamin umninawa kaJosefu, kuba esoyika hleze ahlelwe yinto.

5. Oonyana bakaSirayeli bagaleleka kunye nabanye abathengi, kuba kwakukho indlala kulo lonke eKanana.

6. UJosefu, umphathiswa waseJiputa, wayethengisela abantu beendawo ngeendawo ingqolowa. Bafika ke nabantakwabo, bakhahlela bequbuda ngobuso emhlabeni.

7. Wathi akubabona abantakwabo uJosefu, wabanakana kwangoko, kodwa wazenza ongabaziyo. Wababuza rhabaxa wathi: “Nivela phi?”Bona bathi: “Sivela eKanana. Size kuthenga ukutya.”

8. Ngalo lonke eli xesha uJosefu wayebazi abantakwabo, kodwa bona babengamazi.

9. Wakhumbula nalaa maphupha wayewaphupha ngabo, wathi kubo: “Nina niziimpimpi! Nizele nje ukuza kuhlola iindawo ezibuthathaka kwilizwe lethu.”

10. Bathe bona: “Hayi, nkosi, thina sizizicaka zakho nje ezize kuthenga ukutya.

11. Singoonyana bomntu omnye sonke. Asizizo konke iimpimpi, mhlekazi. Singamadoda anyanisekileyo.”

12. Uthe uJosefu: “Hayi bo, andivumi! Ndithi kuni nina nize kuhlola eli lizwe lethu.”

13. Bathe bona: “Mhlekazi, thina kutata singamadoda alishumi linambini. Simi kwilizwe laseKanana. Omnye umntakwethu akasekho; untondo yena usele nexhego ekhaya.”

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 42