Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 42:13-21 Ibhayibhile (XHO96)

13. Bathe bona: “Mhlekazi, thina kutata singamadoda alishumi linambini. Simi kwilizwe laseKanana. Omnye umntakwethu akasekho; untondo yena usele nexhego ekhaya.”

14. “Benditshilo, niziimpimpi nina!” utshilo uJosefu.

15. “Niyabona ke, ndiza kunivavanya ngolu hlobo: ndifung' ukumkani, anisayi kube nimke apha kude kuze loo mninawa wenu.

16. Omnye wenu uza kuya kumphuthuma. Bonke abanye aba baza kuvalelwa elugcinweni, kude kuvele inyaniso yale nto niyithethayo. Ndifung' ukumkani, mna ndithi niziimpimpi nina.”

17. Uthe ke mabavalelwe entolongweni iintsuku ezintathu.

18. Ngolwesithathu usuku uJosefu wathi kubo: “Ndingumntu omoyikayo uThixo. Ke ndiza kunisindisa, kodwa phantsi kwalo mqathango:

19. Ukuze ndiqonde ukuba ninyanisile omnye wenu uza kuhlala apha kule ntolongo benigcinwe kuyo, abanye bona bagoduke nengqolowa le niyithengileyo, bayise kuloo mawenu alambileyo.

20. Kodwa kufuneka nimzise apha kum loo mninawa wenu yena. Loo nto iya kundibonisa ukuba beninyanisile, ndinganibulali ke.”Bavuma,

21. kambe bethetha bodwa besithi: “Kunje-nje-nje kungenxa yento esayenza kumninawa wethu uJosefu. Asizange simhoye esibongoza ukuba simncede kwimbandezelo awayekuyo. Yiyo loo nto nathi sibandezelekile nje.”

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 42