Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 42:11-30 Ibhayibhile (XHO96)

11. Singoonyana bomntu omnye sonke. Asizizo konke iimpimpi, mhlekazi. Singamadoda anyanisekileyo.”

12. Uthe uJosefu: “Hayi bo, andivumi! Ndithi kuni nina nize kuhlola eli lizwe lethu.”

13. Bathe bona: “Mhlekazi, thina kutata singamadoda alishumi linambini. Simi kwilizwe laseKanana. Omnye umntakwethu akasekho; untondo yena usele nexhego ekhaya.”

14. “Benditshilo, niziimpimpi nina!” utshilo uJosefu.

15. “Niyabona ke, ndiza kunivavanya ngolu hlobo: ndifung' ukumkani, anisayi kube nimke apha kude kuze loo mninawa wenu.

16. Omnye wenu uza kuya kumphuthuma. Bonke abanye aba baza kuvalelwa elugcinweni, kude kuvele inyaniso yale nto niyithethayo. Ndifung' ukumkani, mna ndithi niziimpimpi nina.”

17. Uthe ke mabavalelwe entolongweni iintsuku ezintathu.

18. Ngolwesithathu usuku uJosefu wathi kubo: “Ndingumntu omoyikayo uThixo. Ke ndiza kunisindisa, kodwa phantsi kwalo mqathango:

19. Ukuze ndiqonde ukuba ninyanisile omnye wenu uza kuhlala apha kule ntolongo benigcinwe kuyo, abanye bona bagoduke nengqolowa le niyithengileyo, bayise kuloo mawenu alambileyo.

20. Kodwa kufuneka nimzise apha kum loo mninawa wenu yena. Loo nto iya kundibonisa ukuba beninyanisile, ndinganibulali ke.”Bavuma,

21. kambe bethetha bodwa besithi: “Kunje-nje-nje kungenxa yento esayenza kumninawa wethu uJosefu. Asizange simhoye esibongoza ukuba simncede kwimbandezelo awayekuyo. Yiyo loo nto nathi sibandezelekile nje.”

22. Uthe uRubhen: “Ndandingatshongo kuni ukuba ningayenzakalisi laa ntwana? Ke nina aneva. Nasi ke ngoku isiphumo: igazi lakhe liyathetha.”

23. UJosefu wayeyiva into ababeyithetha, nto nje bona babengayazi loo nto, kuba yena wayethetha nabo ngetoliki.

24. Wee guququ uJosefu, wakha walila. Uthe akuba nako ukuthetha kwakhona, walatha uSimon, wathi makabotshwe bejongile.

25. Wathi uJosefu mazizaliswe ngengqolowa iingxowa zabantakwabo, kufakwe nemali yomntu ngamnye engxoweni yakhe, banikwe nomphako wendlela. Yenziwa yonke loo nto.

26. Abakhuluwa bakhe bazilayisha ezimbongolweni iingxowa zabo, banduluka.

27. Kwindawo ababekhulule kuyo ukuchitha ubusuku, omnye kubo wayivula ingxowa yakhe, eza kupha idonki yakhe ukutya, wafika imali ibekwe ngaphezulu.

28. Ubhekise kubantakwabo wathi: “Imali yam ibuyisiwe; nantsi engxoweni!”Bothuka kakhulu, bangcangcazela, bathi: “Yintoni le uThixo asenza yona!”

29. Bakufika kuyise eKanana, bambalisela konke okwabehlelayo, besithi:

30. “Laa mphathiswa waseJiputa wathetha rhabaxa nathi, esithi siziimpimpi ezaziye kuhlola ilizwe labo.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 42