Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 4:5-21 Ibhayibhile (XHO96)

5. kodwa akanelanga nguKayen nomnikelo wakhe. Waqumba uKayen, waba ntshingi-ntshingi ngumsindo.

6. Wathi ke uNdikhoyo kuKayen: “Uqumbeleni? Kutheni wantshingi-ntshingi?

7. Ukuba ubulungisile, ngewamkelekile; kodwa ke, kuba wenze ububi, isono sesikungxangele emnyango. Isono sifuna ukukulawula, kodwa uze usilwe usoyise.”

8. UKayen wathetha nomninawa wakhe uAbheli. [“Makhe siye endle, mfondini.”] Bathi bakuba besendle, uKayen wajikela umntakwabo, wambulala.

9. UNdikhoyo uthe kuKayen: “Uphi uAbheli umntakwenu?”Wathi uKayen ukuphendula: “Andazi. Ndingumalusi womntakwethu mna kakade?”

10. Uthe ke uNdikhoyo: “Uyenzele ntoni into embi kangaka, Kayen? Igazi lomntakwenu oliphalazele emhlabeni liyakhala, likhalela impindezelo.

11. Uqalekisiwe! Akusobe uphinde uwulime umhlaba. Kaloku úlifunxile umhlaba igazi lomntakwenu ngokuya ubumbulala.

12. Uya kuthi wakulima, usuke umhlaba ungavelisi kutya konke. Uya kuba sisibhadu-bhadu esijikeleza elizweni.”

13. Waphendula wathi uKayen: “Esi sohlwayo siqatha; andinako ukusinyamezela.

14. Uyandigxotha ngoku emhlabeni, ndibe kude nawe. Ngoku ndiza kuba ngudingezweni, yaye wonke ubani odibana nam uya kundibulala.”

15. Uphendule wathi uNdikhoyo: “Hayi, akunjalo; ukuba kubekho mntu ukubulalayo, ndomohlwaya ngokuphindwe kasixhenxe.” Waza ke uNdikhoyo wamphawula uKayen khon' ukuze nabani na odibana naye angambulali.

16. Wemka ke uKayen kuNdikhoyo, waya kuhlala eNodi, empuma yeIdeni.

17. UKayen nomkakhe bafumana umntwana oyinkwenkwe, uInoki. Wakha isixeko uKayen, wasithiya ngegama lonyana wakhe.

18. UInoki wazala unyana, wathi igama lakhe nguHiradi. Yena uHiradi wazala uMehuyali; uMehuyali wazala uMethusali; uMethusali yena wazala uLameki.

19. ULameki wayenabafazi ababini, uAda noZila.

20. UAda wazala uYabhali, ongukhokho kwabo babehlala ezintenteni, bengabafuyi.

21. Umntakwabo-Yabhali yayinguYubhali, ongukhokho wazo zonke iimvumi ezidlala iihapu neefleyiti.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 4