Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 4:12-16 Ibhayibhile (XHO96)

12. Uya kuthi wakulima, usuke umhlaba ungavelisi kutya konke. Uya kuba sisibhadu-bhadu esijikeleza elizweni.”

13. Waphendula wathi uKayen: “Esi sohlwayo siqatha; andinako ukusinyamezela.

14. Uyandigxotha ngoku emhlabeni, ndibe kude nawe. Ngoku ndiza kuba ngudingezweni, yaye wonke ubani odibana nam uya kundibulala.”

15. Uphendule wathi uNdikhoyo: “Hayi, akunjalo; ukuba kubekho mntu ukubulalayo, ndomohlwaya ngokuphindwe kasixhenxe.” Waza ke uNdikhoyo wamphawula uKayen khon' ukuze nabani na odibana naye angambulali.

16. Wemka ke uKayen kuNdikhoyo, waya kuhlala eNodi, empuma yeIdeni.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 4