Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 4:1-14 Ibhayibhile (XHO96)

1. UAdam wadibana nomkakhe uEfa, waza wakhulelwa. Wazala umntwana oyinkwenkwe, waza wathi: “Ndifumene inkwenkwe ngoncedo *lukaNdikhoyo.” Wamthiya igama ke, wathi nguKayen.

2. Uphinde wazala inkwenkwe: uAbheli. UAbheli wayengumfuyi weempahla, yena uKayen engumlimi.

3. Emva kwethuba uKayen wenzela uNdikhoyo umnikelo ngenxalenye yesivuno sakhe.

4. Yena ke uAbheli wathatha amanqatha kumazibulo omhlambi weegusha zakhe, wenza idini. UNdikhoyo wakholiswa nguAbheli, waneliseka nangumnikelo wakhe,

5. kodwa akanelanga nguKayen nomnikelo wakhe. Waqumba uKayen, waba ntshingi-ntshingi ngumsindo.

6. Wathi ke uNdikhoyo kuKayen: “Uqumbeleni? Kutheni wantshingi-ntshingi?

7. Ukuba ubulungisile, ngewamkelekile; kodwa ke, kuba wenze ububi, isono sesikungxangele emnyango. Isono sifuna ukukulawula, kodwa uze usilwe usoyise.”

8. UKayen wathetha nomninawa wakhe uAbheli. [“Makhe siye endle, mfondini.”] Bathi bakuba besendle, uKayen wajikela umntakwabo, wambulala.

9. UNdikhoyo uthe kuKayen: “Uphi uAbheli umntakwenu?”Wathi uKayen ukuphendula: “Andazi. Ndingumalusi womntakwethu mna kakade?”

10. Uthe ke uNdikhoyo: “Uyenzele ntoni into embi kangaka, Kayen? Igazi lomntakwenu oliphalazele emhlabeni liyakhala, likhalela impindezelo.

11. Uqalekisiwe! Akusobe uphinde uwulime umhlaba. Kaloku úlifunxile umhlaba igazi lomntakwenu ngokuya ubumbulala.

12. Uya kuthi wakulima, usuke umhlaba ungavelisi kutya konke. Uya kuba sisibhadu-bhadu esijikeleza elizweni.”

13. Waphendula wathi uKayen: “Esi sohlwayo siqatha; andinako ukusinyamezela.

14. Uyandigxotha ngoku emhlabeni, ndibe kude nawe. Ngoku ndiza kuba ngudingezweni, yaye wonke ubani odibana nam uya kundibulala.”

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 4