Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 39:11-23 Ibhayibhile (XHO96)

11. Kwathi ngenye imini, uJosefu engene endlwini kaPotifare, eye kusebenza, wafika kungekho nasinye isicaka.

12. Umka-Potifare wambamba, emtsala ngengubo, wathi: “Yiza kaloku!” Kodwa waphuncula uJosefu, wabalekela ngaphandle, washiya loo ngubo yakhe eyiphethe ngesandla loo mfazi.

13. Uthe loo mfazi akuphawula ukuba uJosefu uyishiyile ingubo yakhe, wabalekela ngaphandle,

14. wabiza izicaka zakhe, wazibonisa loo ngubo. Watsho esithi: “Laa mHebhere ungeniswe ngumyeni wam emzini wam uyasihlazisa, kuba ungene egumbini lam efuna ukundidlwengula. Kodwa mna ndizincede ngokutsho esikrakra esi isikhalo.

15. Wothuswe seso sikhalo, wabalekela ngaphandle, eshiya loo ngubo yakhe ngakum.”

16. Wayigcina ke loo ngubo kaJosefu kwada kwabuya inkosi yakhe.

17. Ithe yakufika nayo wayenzela eli bali: “Laa mHebhere umngenise ekhaya apha ungene egumbini lam, efun' ukundihlazisa.

18. Ndizincede ngokutsho esikrakra sona isikhalo, ukuze abalekele ngaphandle. Washiya nale ngubo yakhe ngakum.”

19. Waqumba kakhulu uPotifare akuyiva loo nto ithethwa ngumkakhe,

20. wathi uJosefu makabanjwe, avalelwe entolongweni ekwakuvalelwa kuyo amabanjwa kakumkani.Wahlala apho.

21. Kodwa nalapho uNdikhoyo waba ngakuJosefu, wamthamsanqelisa, watsho wathandwa ngujela.

22. Ujela wamnyusela uJosefu, wangumphathi wamanye amabanjwa. Yonke into eyenziwa entolongweni yajonga yena.

23. UNdikhoyo wamphumeza uJosefu kangangokude ujela angabi sajongana nemisebenzi eyayijongwe nguJosefu, kuba uNdikhoyo wayemthamsanqelisa.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 39