Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 39:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku amaIshmayeli aya naye eJiputa uJosefu, afika amthengisa kuPotifare, owayengomnye wamaphakathi okumkani waseJiputa, owayenguyena nduna yabalindi basebhotwe.

2. *UNdikhoyo waba naye uJosefu, wamphumeza kwinto yonke. Wayehlala endlwini yenkosi yakhe yomJiputa,

3. eyaqondayo ukuba uJosefu wayephantsi kogcino lukaNdikhoyo, yaye yayinesandla sikaNdikhoyo yonke into ayenzayo.

4. Wakholiseka nguJosefu uPotifare, wamenza intonga yakhe yasekhosi. Ngoko ke wamenza induna yomzi wakhe nomlawuli wempahla yakhe yonke.

5. Ukususela ngoko uNdikhoyo wawuthamsanqelisa umzi waloo mJiputa, kunye nemfuyo yakhe, namasimi akhe, nayo yonke into awayenayo, ngenxa kaJosefu.

6. Yonke into yakhe ke uPotifare wayinikela elulawulweni lukaJosefu, akwabikho nto yimbi azikhathaza ngayo ngaphandle nje kokuthatha icephe atye.UJosefu wayemile kakuhle, eyinzwana yomfana.

7. Kwakuba mzuzu umka-Potifare wafikelwa ngumnqweno ngoJosefu, wazicelela isondo kuye.

8. UJosefu wala, esithi: “Inkosi yam ijonge kum, mna Josefu, ngento yonke yayo; ayisazikhathazi nganto, kuba ithembe mna.

9. Yaye indinike lonke igunya emzini wayo; nguwe kuphela endingenagunya kuye. Ke ndingathini mna ukwenza into embi kangako, ndimone uThixo?”

10. Naxa wazingayo lo mfazi ukucela isondo kuJosefu mihla le, uJosefu yena wala ukuyenza loo nto.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 39