Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 38:6-9 Ibhayibhile (XHO96)

6. UJuda wamfunela umfazi uEre unyana wakhe omkhulu. Igama lakhe lalinguTamare.

7. UEre wayeziphethe kakubi, loo nto yabangela ukuba *uNdikhoyo abunqamle ubomi bakhe.

8. UJuda uthe uOnan, umninawa kaEre, makadibane nomka-mkhuluwa wakhe, khon' ukuze azalele umkhuluwa wakhe abantwana ngokwesiko.

9. UOnan, esazi ukuba wayengazi kuzizalela abo bantwana, wathi rhoqo ukumane eyichithela phantsi imbewu yakhe ngalo lonke ixesha adibana noTamare, khon' ukuze angathathi, angamzaleli bantwana umkhuluwa wakhe.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 38