Uthe ke uJuda kumolokazana wakhe uTamare makakhe agoduke, aye kuhlala kowabo engumhlolokazi, de kukhule uShela unyana omncinci. Watsho kuba esoyika hleze afe noShela kwanjengabakhuluwa bakhe. Wagoduka ke uTamare.