Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 37:9-22 Ibhayibhile (XHO96)

9. Uphinde wanelinye iphupha uJosefu, wabuya wabalawulela abantakwabo, esithi: “Kweli iphupha ndibone ilanga, nenyanga, neenkwenkwezi ezilishumi elinanye, zikhahlela kum.”

10. Ulilawule nakuyise eli phupha. Wamngxolisa uyise, esithi: “Suk' apha, phupha lini eli athi unyoko nabantakwenu kunye nam sikhahlele wena!”

11. Abakhuluwa bakaJosefu bammonela, kodwa yena uyise wamana elijika-jika engqondweni eli phupha.

12. Ngamini ithile abakhuluwa bakaJosefu babeseShekem besalusa impahla,

13. wathi uSirayeli kuJosefu: “Ndifuna ukukuthuma kubantakwenu eShekem apho bayalusela khona impahla.”Uthe uJosefu: “Kulungile, tata.”

14. Uthe uYakobi: “Khawuye kukhangela ukuba abantakwenu basahleli kakuhle na, nokuba akukho monakalo ukhoyo na empahleni, ubuye uze kundazisa.” Wanduluka ke uJosefu kuloo ntili yeHebron, ethunywe eShekem.Wahamba waya kufika eShekem uJosefu.

15. Kuthe esabhadula kwelo zwe, kwavela ndoda ithile, yambuza yathi: “Ufuna ntoni?”

16. “Ndifuna abantakwethu abalusa impahla; ungandixelela apho bakhoyo?” utshilo uJosefu.

17. “Sebemkile,” itshilo loo ndoda. “Ndibavele besithi baza kuya eDotan.” Wenjenjeya ke uJosefu ukulandela abantakwabo, wada waya kugaleleka eDotan, apho wafika bekhona.

18. Bambona esekude, waza wathi efika kubo baba sebenze iyelenqe lokumbulala.

19. Bathi bakumbona: “Nanku esiza laa mphuphi.

20. Masimbulale, size isidumbu sakhe sisifake kwelinye lala maqula atshileyo, sithi uqwengwe ngamarhamncwa, sibone ke ukuba aya kuthini na loo maphupha akhe.”

21. URubhen wabavela kuloo nto, wafuna ukumsindisa uJosefu, wathi: “Hayini, madoda,

22. masingambulali siphalaze igazi lomntakwethu. Makaphoswe nje kweli qula lilapha entlango, kodwa ningamenzakalisi.” Ethetha loo nto nje wayeceba ukumhlangula kubo, aze amgoduse amse kuyise.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 37