Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 37:3-12 Ibhayibhile (XHO96)

3. USirayeli wayemthanda ngaphezu kwabo bonke abantakwabo uJosefu, kuba yena wavela selaluphele uSirayeli. Wamenzela ingubo embeje-mbeje.

4. Bathi abantakwabo bakuphawula ukuba uyise umthanda ukugqitha bona uJosefu, bamthiya kangangokude bangakwazi nokuthetha kakuhle naye.

5. Ngabusuku buthile uJosefu waba nephupha, athe akulilawula kubakhuluwa bakhe, bamthiya ngakumbi.

6. Wathi kubo: “Khanive ndinixelele iphupha lam.

7. Ndiphuphe sisemasimini, sibopha izithungu zengqolowa. Suka esam isithungu sema nkqo, zaza ezenu zeza kusingqonga, zakhahlela kuso.”

8. Bathe abakhuluwa bakhe: “Ngaba uba uza kuba yikumkani, size thina silawulwe nguwe?” Loo nto yelo phupha yamenza wanetyheneba kubo, nangenxa yeentetho zakhe.

9. Uphinde wanelinye iphupha uJosefu, wabuya wabalawulela abantakwabo, esithi: “Kweli iphupha ndibone ilanga, nenyanga, neenkwenkwezi ezilishumi elinanye, zikhahlela kum.”

10. Ulilawule nakuyise eli phupha. Wamngxolisa uyise, esithi: “Suk' apha, phupha lini eli athi unyoko nabantakwenu kunye nam sikhahlele wena!”

11. Abakhuluwa bakaJosefu bammonela, kodwa yena uyise wamana elijika-jika engqondweni eli phupha.

12. Ngamini ithile abakhuluwa bakaJosefu babeseShekem besalusa impahla,

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 37