Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 37:24-35 Ibhayibhile (XHO96)

24. baza bamthatha bamphosa equleni elingenamanzi.

25. Kuthe ke besatya, kwee gqi igqiza lamaIshmayeli, evela eGiliyadi, esinga eJiputa. Ayeqhuba iinkamela ezithwele intlaka yesiqhumiso, namafutha anamakha, nentlaka yokuqhola.

26. UJuda wabhekisa kubantakwabo, wathi: “Iza kusenzela ntoni into yokubulala umntakwethu, khona sesibufihlile obo bugwinta?

27. Masithengise ngaye kula maIshmayeli. Ngaloo ndlela asiyi kumenzakalisa. Andithi gxebe ligazi lethu eliya?” Bavumelana naye abanye.

28. Kwathi xa kwakudlula iqela labarhwebi bamaMidiyan, bamkhupha uJosefu kuloo mhadi, bamthengisa ngamashumi amabini eesiliva kumaIshmayeli, awamthathayo amsa eJiputa.

29. Akuya kuvela kwelo qula uRubhen, wafika engekho uJosefu, wasuka wakrazula izambatho zakhe ngenxa yosizi awayenalo.

30. Wabuyela kubaninawa bakhe, wathi: “Madoda, laa nkwenkwe ayikho phaya; ndiza kuyithini le nto?”

31. Banqumla ibhokhwe, baza ingubo kaJosefu bayityikila ngelo gazi layo.

32. Bayithatha loo ngubo, bayisa kuyise, bafika bathi: “Sichole le nto; khawufanise ukuba ngaba asiyiyo eyonyana wakho na?”

33. UYakobi wayifanisa kwangoko, wathi: “Yingubo yomntwanam le! Kwowu, uqwengwe ngamarhamncwa! Hayi, amqwenga-qwengile umntwanam uJosefu!”

34. Wazikrazula izambatho zakhe uYakobi, elusizi; wanxiba ezamarhonya, ezila. Wamzilela ithuba elide unyana wakhe.

35. Beza kumthuthuzela bonke oonyana neentombi zakhe, kodwa wala, akavuma ukuthuthuzeleka. Uthe kubo: “Ndiya kude ndife ndisamzilele umntwana wam.” Wazila rhoqo ke, ezilela unyana wakhe uJosefu.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 37