Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 37:15-27 Ibhayibhile (XHO96)

15. Kuthe esabhadula kwelo zwe, kwavela ndoda ithile, yambuza yathi: “Ufuna ntoni?”

16. “Ndifuna abantakwethu abalusa impahla; ungandixelela apho bakhoyo?” utshilo uJosefu.

17. “Sebemkile,” itshilo loo ndoda. “Ndibavele besithi baza kuya eDotan.” Wenjenjeya ke uJosefu ukulandela abantakwabo, wada waya kugaleleka eDotan, apho wafika bekhona.

18. Bambona esekude, waza wathi efika kubo baba sebenze iyelenqe lokumbulala.

19. Bathi bakumbona: “Nanku esiza laa mphuphi.

20. Masimbulale, size isidumbu sakhe sisifake kwelinye lala maqula atshileyo, sithi uqwengwe ngamarhamncwa, sibone ke ukuba aya kuthini na loo maphupha akhe.”

21. URubhen wabavela kuloo nto, wafuna ukumsindisa uJosefu, wathi: “Hayini, madoda,

22. masingambulali siphalaze igazi lomntakwethu. Makaphoswe nje kweli qula lilapha entlango, kodwa ningamenzakalisi.” Ethetha loo nto nje wayeceba ukumhlangula kubo, aze amgoduse amse kuyise.

23. Akufika kubantakwabo uJosefu, bamkhulula loo ngubo imbeje-mbeje,

24. baza bamthatha bamphosa equleni elingenamanzi.

25. Kuthe ke besatya, kwee gqi igqiza lamaIshmayeli, evela eGiliyadi, esinga eJiputa. Ayeqhuba iinkamela ezithwele intlaka yesiqhumiso, namafutha anamakha, nentlaka yokuqhola.

26. UJuda wabhekisa kubantakwabo, wathi: “Iza kusenzela ntoni into yokubulala umntakwethu, khona sesibufihlile obo bugwinta?

27. Masithengise ngaye kula maIshmayeli. Ngaloo ndlela asiyi kumenzakalisa. Andithi gxebe ligazi lethu eliya?” Bavumelana naye abanye.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 37