Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 37:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. UYakobi wayehlala eKanana, kwelo lizwe wayemi kulo uyise ngaphambili.

2. Nanga amagqabantshintshi ngoYakobi.Akuba yinkwenkwe eneshumi linesixhenxe leminyaka ubudala, uJosefu wayedla ngokuhamba nabakhuluwa bakhe abangoonyana bakaBhiliya noZilipha, amaqadi kayise, baye kwalusa impahla. Wayedla ngokubaxela kuyise ngezinto ezingekho mgaqweni ababezenza.

3. USirayeli wayemthanda ngaphezu kwabo bonke abantakwabo uJosefu, kuba yena wavela selaluphele uSirayeli. Wamenzela ingubo embeje-mbeje.

4. Bathi abantakwabo bakuphawula ukuba uyise umthanda ukugqitha bona uJosefu, bamthiya kangangokude bangakwazi nokuthetha kakuhle naye.

5. Ngabusuku buthile uJosefu waba nephupha, athe akulilawula kubakhuluwa bakhe, bamthiya ngakumbi.

6. Wathi kubo: “Khanive ndinixelele iphupha lam.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 37