Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 36:25-26-40-43 Ibhayibhile (XHO96)

25-26. UAna wazala uDishon, lo ungukhokho wamaHemdan, amaEshbhan, amaItran, namaKeran. UAna wayekwanentombi egama linguHolibhama.

27. UEzere wayengukhokho wamaBhilehan, amaZavan, nama-Akane.

28. UDishan yena ungukhokho wamaUzi nama-Aran.

29-30. Nazi izizwe zamaHori ezimi e-Edom: ngamaLotan, amaShobhali, amaZibheyon, ama-Ana, amaDishon, amaEzere, namaDishan.

31-39. Kwangaphambi kokuba zibekho iikumkani kwaSirayeli, ezi zilandelayo yayiziikumkani ezalawula kwaEdom, ngokulandelelana kwazo:uBhela unyana kaBhehore waseDinabha;uJobhabhi unyana kaZera waseBhozera;uHusham wakummandla wakwaTeman;uHadadi unyana kaBhedadi waseHaviti, owawachitha edabini amaMidiyan kwelamaMowabhi;uSamla waseMasereka;uShawule waseRehobhoti phezu komlambo iEfrati;uBhali-hanani unyana ka-Akibho;uHadadi wasePawu omkakhe wayenguMetabheli intombi kaMatredi nomzukulwana kaMezabhi.

40-43. UEsawu wayengukhokho wezi zizwe zamaEdom: amaTimna, ama-Aleva, amaYetete, amaHolibhama, amaEla, amaPinon, amaKenazi, amaTeman, amaMibhezare, amaMagediyeli, namaIram. Ummandla wesizwe ngasinye wathiywa ngegama lentloko yeso sizwe.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 36