Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 35:7-16 Ibhayibhile (XHO96)

7. Wamisa iqonga lamadini apho uYakobi, wayithiya loo ndawo ngoThixo waseBhetele. Kaloku kulapho uThixo wazibonakalisayo kuYakobi xa wayebaleka umkhuluwa wakhe.

8. UDibhora impelesi kaRakeli, wabhubhela khona apho, wafihlelwa phantsi komthi wom-oki owawusezantsi kweBhetele. Kwathiwa ke loo ndawo nguM-oki weeNyembezi.

9. UThixo wabuya wavela kuYakobi ukubuya kwakhe ePadan-aram, wabuya wamthamsanqelisa.

10. Wenjenje ukuthetha uThixo: “Kuthiwa igama lakho unguYakobi, kodwa ukususela ngoku kuya kuthiwa unguSirayeli.” Kwaba ke njalo uThixo umthiya igama elinguSirayeli.

11. Wabuya wathi uThixo: “Mna ndinguThixo uSomandla. Ndithi chuma wande. Uya kuba nguyise wesizwe – nditsho izizwe ngezizwe – ube ngukhokho weekumkani.

12. Umhlaba endawunika uAbraham noIsake ndiwunika wena kunye nabazukulwana bakho emva kwakho.”

13. UThixo wamshiya ke apho akugqiba ukuthetha naye.

14. Apho kanye kuloo ndawo uThixo wayethetha kuyo noYakobi, wemisa ilitye uYakobi, walinikela kuThixo ngokuligalela iwayini namafutha.

15. Loo ndawo wathi yiBhetele.

16. Wafuduka uYakobi nentsapho yakhe eBhetele. Kwathi xa babekude kufuphi ne-Efrata, kwabonakala ukuba lifikile ixesha lokuba uRakeli abeleke. Kwaba nzima kakhulu.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 35