Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 35:3-17 Ibhayibhile (XHO96)

3. Siza kumka apha, sifudukele eBhetele, apho ndiya kumisa khona iqonga lamadini loThixo owandikhulula engxakini nobesoloko enam naphi na apho ndikhoyo.”

4. Bazikhupha ke *izithixo zasemzini, bazinika uYakobi kunye naloo macici babewafakile. Ezo zinto wazimbela ngaphantsi komthi wom-oki ongakwidolophu yaseShekem.

5. Ukumka kukaYakobi noonyana bakhe, abantu beedolophu ezikufuphi baba noloyiko olukhulu, ababasukela.

6. Waya kugaleleka eBhetele eKanana uYakobi nentsapho yakhe yonke. IBhetele ke yayaziwa ngokuba yiLuzi.

7. Wamisa iqonga lamadini apho uYakobi, wayithiya loo ndawo ngoThixo waseBhetele. Kaloku kulapho uThixo wazibonakalisayo kuYakobi xa wayebaleka umkhuluwa wakhe.

8. UDibhora impelesi kaRakeli, wabhubhela khona apho, wafihlelwa phantsi komthi wom-oki owawusezantsi kweBhetele. Kwathiwa ke loo ndawo nguM-oki weeNyembezi.

9. UThixo wabuya wavela kuYakobi ukubuya kwakhe ePadan-aram, wabuya wamthamsanqelisa.

10. Wenjenje ukuthetha uThixo: “Kuthiwa igama lakho unguYakobi, kodwa ukususela ngoku kuya kuthiwa unguSirayeli.” Kwaba ke njalo uThixo umthiya igama elinguSirayeli.

11. Wabuya wathi uThixo: “Mna ndinguThixo uSomandla. Ndithi chuma wande. Uya kuba nguyise wesizwe – nditsho izizwe ngezizwe – ube ngukhokho weekumkani.

12. Umhlaba endawunika uAbraham noIsake ndiwunika wena kunye nabazukulwana bakho emva kwakho.”

13. UThixo wamshiya ke apho akugqiba ukuthetha naye.

14. Apho kanye kuloo ndawo uThixo wayethetha kuyo noYakobi, wemisa ilitye uYakobi, walinikela kuThixo ngokuligalela iwayini namafutha.

15. Loo ndawo wathi yiBhetele.

16. Wafuduka uYakobi nentsapho yakhe eBhetele. Kwathi xa babekude kufuphi ne-Efrata, kwabonakala ukuba lifikile ixesha lokuba uRakeli abeleke. Kwaba nzima kakhulu.

17. Kwathi egcuma ziintlungu, wavakala esithi umbelekisi wakhe: “Uzungoyiki, Rakeli, uzele enye inkwenkwe.”

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 35