Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 35:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Wathi uThixo kuYakobi: “Hamba ngoku uye kuhlala eBhetele. Uze ufike undenzele iqonga lamadini apho. Mna ndingulaa Thixo wavela kuwe xeshikweni wawubaleka umkhuluwa wakho uEsawu.”

2. UYakobi ke wayalela intsapho nezicaka zakhe wathi: “Yahlukanani *noothixo basemzini abaphakathi kwenu, nihlambuluke, ninxibe mpahla zimbi.

3. Siza kumka apha, sifudukele eBhetele, apho ndiya kumisa khona iqonga lamadini loThixo owandikhulula engxakini nobesoloko enam naphi na apho ndikhoyo.”

4. Bazikhupha ke *izithixo zasemzini, bazinika uYakobi kunye naloo macici babewafakile. Ezo zinto wazimbela ngaphantsi komthi wom-oki ongakwidolophu yaseShekem.

5. Ukumka kukaYakobi noonyana bakhe, abantu beedolophu ezikufuphi baba noloyiko olukhulu, ababasukela.

6. Waya kugaleleka eBhetele eKanana uYakobi nentsapho yakhe yonke. IBhetele ke yayaziwa ngokuba yiLuzi.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 35