Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 34:7-19 Ibhayibhile (XHO96)

7. Kwakuxa kanye babuyayo emadlelweni oonyana bakaYakobi. Bothuka, bakhathazeka kakhulu bakuyiva into embi kangaka eyenziwe nguShekem yokunyelisa amaSirayeli ngokulala nentombi kaYakobi, nto leyo ingenziwayo kwaSirayeli.

8. UHamore wenjenje ebhekisa kuYakobi: “Unyana wam uShekem uyayithanda le ntombi yakho. Ndiyakucela ke, mvumele ayithathe.

9. Masivane thina kwinto yokuba abantu bethu bendiselane.

10. Nawe ke ungema naphi na kulo mhlaba wakowethu, urhwebe nokurhweba kangangoko uthanda, ufuye nempahla.”

11. Uthe ke yena uShekem kuYakobi noonyana bakhe: “Ndikhululeleni le ntombi. Ndiya kuhlawula nantoni na eniyifunayo.

12. Ndixeleleni ikhazi emandilikhuphe, libe likhulu kangangoko nifuna; nixele namabhaso eniwafunayo, ndininike. Nantoni na eniyifunayo ndingayikhupha, ukuba nje niyavuma ndimthathe uDayina.”

13. Ngenxa yokuba uShekem wayeselemhlazisile udade wabo uDayina, oonyana bakaYakobi babaphendula ngelibaqhathayo ooShekem noyise uHamore,

14. benjenje: “Asinakumendisela kumntu ongalukanga udade wethu. Into enjalo ingalihlazo.

15. Singavuma xa nina, kunye nawo onke amadoda alapha, nisaluka, nifane nathi.

16. Nolwendiselwano olu nina nithetha ngalo singalwamkela phantsi kwaloo mqathango kuphela, sihlale phakathi kwenu, sibe ngabantu abanye.

17. Kodwa ke ukuba anivumelani nathi ngale ndawo, siya kumthatha udade wethu, sifuduke apha.”

18. Yavakala ilungile imihle le miqathango kuHamore nakunyana wakhe uShekem.

19. UShekem akapholisanga maseko, ngenxa yokuba wayemthanda uDayina intombi kaYakobi. UShekem wayexatyiswe kakhulu kowabo.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 34