Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 33:7-14 Ibhayibhile (XHO96)

7. Kwalandela uLeya nabakhe abantwana, kwaza kwagqibela uJosefu noRakeli, nabo bakhahlela.

8. UEsawu uthe: “Yona laa mihlambi ndihlangene nayo endleleni?”Uthe ukuphendula uYakobi: “Bendiyithumela ukuza kundicengela kuwe, mhlekazi.”

9. Uthe uEsawu: “Ndinemfuyo ngokwaneleyo, mfo wethu; gcina izinto zakho.”

10. UYakobi wathi: “Ndincede, zithathe ukuba uyasamkela isicengo sam. Xa ndibona ubuso bakho, ngathi ndibona ubuso bukaThixo, ingakumbi ngoku sowundamkele ngobubele.

11. Zithathe kaloku ezi zipho ndikuphathele zona. UThixo undenzele ububele, wandipha yonke into ebendiyifuna.” UYakobi wamcenga uEsawu, wada woyisakala wazithatha ezo zipho.

12. Uthe uEsawu: “Masilungiselele ukunduluka ngoku. Mna ndiza kukukhapha.”

13. UYakobi uthe: “Kaloku abantwana bam baselula, yaye kufuneka ndicingele neegusha kunye namatakane azo, kuba ukuba zikhe zaxheshwa usuku nje olunye, zingafa zonke.

14. Hamba ngaphambili wena, mna ndolandela, ndicothoza kunye nabantwana kunye nemihlambi, de ndikufumane e-Edom.”

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 33