Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 32:9-20 Ibhayibhile (XHO96)

9. Uye wathandaza emva koko uYakobi esithi: “Thixo kabawo-mkhulu uAbraham, Thixo kabawo wam uIsake, ndive. Nguwe, *Ndikhoyo, othe mandibuyele ezweni lakowethu naphakathi kwezizalwana zam. Watsho usithi uya kuyenza mhlophe indlela yam, konke kulunge.

10. Ububele ondenzele bona, nokunyaniseka kwakho, akundifanele, Nkosi. Ndayiwela iJordan ndingenanto, ndiphethe umsimelelo kuphela. Ngoku ndibuya ndihamba nala maqela mabini.

11. Ndihlangule ke kumntakwethu uEsawu, ndiyakubongoza. Ndinoloyiko hleze asihlasele asitshabalalise sonke, umntwana nonina.

12. Khumbula ke ukuba wathembisa ukuba konke kondilungela, wathembisa nokuba wondipha inzala engenakubalwa bani, ebuninzi bungangobentlabathi elunxwemeni lolwandle.”

13. Ngengomso uYakobi wakhetha kuloo mhlambi wakhe ezo wayeza kuzipha umntakwabo uEsawu:

14. iimazi zeebhokhwe zaba ngamakhulu mabini, iinkunzi zangamashumi mabini; amakhulu mabini eemazi zeegusha, namashumi mabini eenkunzi zeegusha,

15. amashumi amathathu eemazi zeenkamela namankonyane azo; kunye namashumi mane eemazi zeenkomo, kunye neshumi leenkunzi; namashumi mabini eemazi zeedonki; kunye neenkunzi ezilishumi.

16. Wazahlula-hlula zayimihlambi, waza umhlambi ngamnye wakhokelwa sisicaka. Wathi mazihambe ngaphambili, zishiye isithuba phakathi komhlambi ngamnye.

17. Wathi kwisicaka esasingaphambili, ze sithi xa ebuza uEsawu ukuba ngaba ngubani na inkosi yaso, besiya ngaphi na, wona umhlambi lo ungokabani:

18. “ZezikaYakobi, isicaka sikaEsawu. Wenza ngazo isipho kuEsawu inkosi yakhe. Yena uYakobi uyalandela ngasemva.”

19. Wabaxelela loo nto bonke abakhokela imihlambi, owesibini nowesithathu njalo-njalo, esithi: “Nakuhlangabezana noEsawu ze nithi:

20. ‘Ewe, isicaka sakho uYakobi siyeza ngasemva.’ ”Icebo likaYakobi lalikukuba amenze athambe ngezo zipho uEsawu, aze xa efika yena Yakobi kuye axolelwe.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 32