Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 32:6-14 Ibhayibhile (XHO96)

6. Ukubuya kwazo izigidimi zikaYakobi, zafika zathi: “Simbonile uEsawu umntakwenu; selesendleleni ekukhawulelayo. Uza namakhulu amane amadoda.”

7. Wothuka wakhathazeka uYakobi; waza wabahlula bangamaqela amabini abantu bakhe, ngokunjalo neegusha, neenkomo, neebhokhwe, kwaneenkamela.

8. Icebo lakhe lalikukuba kusinde eli lesibini iqela, xa athe wahlasela elokuqala uEsawu.

9. Uye wathandaza emva koko uYakobi esithi: “Thixo kabawo-mkhulu uAbraham, Thixo kabawo wam uIsake, ndive. Nguwe, *Ndikhoyo, othe mandibuyele ezweni lakowethu naphakathi kwezizalwana zam. Watsho usithi uya kuyenza mhlophe indlela yam, konke kulunge.

10. Ububele ondenzele bona, nokunyaniseka kwakho, akundifanele, Nkosi. Ndayiwela iJordan ndingenanto, ndiphethe umsimelelo kuphela. Ngoku ndibuya ndihamba nala maqela mabini.

11. Ndihlangule ke kumntakwethu uEsawu, ndiyakubongoza. Ndinoloyiko hleze asihlasele asitshabalalise sonke, umntwana nonina.

12. Khumbula ke ukuba wathembisa ukuba konke kondilungela, wathembisa nokuba wondipha inzala engenakubalwa bani, ebuninzi bungangobentlabathi elunxwemeni lolwandle.”

13. Ngengomso uYakobi wakhetha kuloo mhlambi wakhe ezo wayeza kuzipha umntakwabo uEsawu:

14. iimazi zeebhokhwe zaba ngamakhulu mabini, iinkunzi zangamashumi mabini; amakhulu mabini eemazi zeegusha, namashumi mabini eenkunzi zeegusha,

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 32