Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 32:3-11 Ibhayibhile (XHO96)

3. UYakobi wathumela izigidimi ngaphambili ukuba ziye kumntakwabo uEsawu eSeyire, e-Edom.

4. Wathi ze zithi kuye: “Mna, Yakobi, sicaka sakho, ndazisa wena, nkosi yam Esawu, ukuba bekhe ndahlala kwaLabhan, ndaza ndabambezeleka apho kwada kwakalokunje.

5. Ndiza neenkomo neegusha, iidonki neebhokhwe, kwakunye nezicaka. Ndithumela lo myalezo ke, mhlekazi, ndinethemba lokuba uya kundamkela.”

6. Ukubuya kwazo izigidimi zikaYakobi, zafika zathi: “Simbonile uEsawu umntakwenu; selesendleleni ekukhawulelayo. Uza namakhulu amane amadoda.”

7. Wothuka wakhathazeka uYakobi; waza wabahlula bangamaqela amabini abantu bakhe, ngokunjalo neegusha, neenkomo, neebhokhwe, kwaneenkamela.

8. Icebo lakhe lalikukuba kusinde eli lesibini iqela, xa athe wahlasela elokuqala uEsawu.

9. Uye wathandaza emva koko uYakobi esithi: “Thixo kabawo-mkhulu uAbraham, Thixo kabawo wam uIsake, ndive. Nguwe, *Ndikhoyo, othe mandibuyele ezweni lakowethu naphakathi kwezizalwana zam. Watsho usithi uya kuyenza mhlophe indlela yam, konke kulunge.

10. Ububele ondenzele bona, nokunyaniseka kwakho, akundifanele, Nkosi. Ndayiwela iJordan ndingenanto, ndiphethe umsimelelo kuphela. Ngoku ndibuya ndihamba nala maqela mabini.

11. Ndihlangule ke kumntakwethu uEsawu, ndiyakubongoza. Ndinoloyiko hleze asihlasele asitshabalalise sonke, umntwana nonina.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 32