Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 32:22-32 Ibhayibhile (XHO96)

22. Ngobo busuku wavuka uYakobi, wahamba nabafazi bakhe bobabini, namaqadi abo, kunye nabantwana bakhe abalishumi nanye, wawuwela umlambo iJabhoko.

23. Akubaweza waweza nempahla yakhe yonke,

24. kodwa yena wasala ngasemva.Kwafika umntu, wajijisana naye kwada kwasekuzeni kokusa.

25. Wathi loo mntu akubona ukuba akamngquli uYakobi, wamchukumisa enyongeni, yatsho yagungxuka endaweni yayo.

26. Watsho esithi: “Ndiyeke ndihambe, kuyasa.”UYakobi wathi: “Andisobe ndikuyeke, de undithamsanqelise.”

27. “Ungubani igama lakho?” ubuzile loo mntu.“NdinguYakobi,” uphendule watsho yena.

28. Uthe ke loo mntu: “Akusokubuya kuthiwe unguYakobi, kuba kaloku wena ujijisene noThixo kwakunye nabantu, waphumelela. Ngoko ke kuya kuthiwa unguSirayeli igama lakho.”

29. Uthe yena uYakobi: “Nawe ndixelele elakho igama.”Uthe loo mfo: “Uza kulenzani igama lam?” Watsho esikelela uYakobi.

30. UYakobi wathi: “UThixo ndimbonile ubuso ngobuso, ndibe naku ndisaphila.” Wathi ke loo ndawo yiPeniyeli.

31. Laphuma ilanga xa uYakobi emkayo apho ePeniyeli. Wayeqhwalela ngenxa yenyonga egungxulekileyo.

32. AmaSirayeli akawutyi umsipha kasikrotyana unanamhlanje, kuba kaloku wachukunyiswa kuloo ndawo uYakobi.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 32